-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Corintios 9:1|
Andingumpostile na? Andingokhululekileyo na? Andimbonanga na uYesu Kristu, iNkosi yethu? Aninguwo na nina umsebenzi wam eNkosini?
-
2
|1 Corintios 9:2|
Ukuba andimpostile kwabanye, kuni nina ndinguye; kuba itywina lokuqinisa obam ubupostile linini aba baseNkosini.
-
3
|1 Corintios 9:3|
Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku.
-
4
|1 Corintios 9:4|
Asinagunya na lokudla nokusela?
-
5
|1 Corintios 9:5|
Asinagunya na, njengabanye abapostile, nabazalwana beNkosi, noKefas, ukuba siphelekwe ngabafazi bethu bengamakholwa?
-
6
|1 Corintios 9:6|
Sithi sedwa noBharnabhas lo na, abangenagunya lokuba bangasebenzi?
-
7
|1 Corintios 9:7|
Ngubani na okha aphume umkhosi ngeyakhe indleko? Ngubani na otyala isidiliya, aze angadli siqhamo saso? Khona ngubani na owalusa umhlambi, aze angawadli amasi omhlambi lowo?
-
8
|1 Corintios 9:8|
Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awuthethi kwaezo zinto nawo na umthetho?
-
9
|1 Corintios 9:9|
Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na into ayikhathaleleyo uThixo?
-
10
|1 Corintios 9:10|
Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kakade kwabhalwa ngenxa yethu; ngokuba lowo ulimayo ufanele ukulima ethembile; lowo ubhulayo ufanele ukubhula enethemba lokuyaba loo nto athembe yona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38