-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Corintios 13:1|
Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.
-
2
|1 Corintios 13:2|
Ndingafanelana ndinabo nobuprofeto, ndizazi iimfihlelo zonke, ndinako konke ukwazi; ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto.
-
3
|1 Corintios 13:3|
Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.
-
4
|1 Corintios 13:4|
Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali;
-
5
|1 Corintios 13:5|
alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa; alucaphuki; alunanzondo;
-
6
|1 Corintios 13:6|
aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.
-
7
|1 Corintios 13:7|
Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.
-
8
|1 Corintios 13:8|
Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.
-
9
|1 Corintios 13:9|
Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.
-
10
|1 Corintios 13:10|
Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40