-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Corintios 1:11|
Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu.
-
12
|1 Corintios 1:12|
Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; omnye ke athi, Mna ndingokaKristu.
-
13
|1 Corintios 1:13|
Wahlukahlukene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos, kusini na?
-
14
|1 Corintios 1:14|
Ndiyabulela kuThixo, ukuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo;
-
15
|1 Corintios 1:15|
ukuze kungabikho mntu uthi, ndabhaptizela egameni lam.
-
16
|1 Corintios 1:16|
Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi.
-
17
|1 Corintios 1:17|
Kuba uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa.
-
18
|1 Corintios 1:18|
Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.
-
19
|1 Corintios 1:19|
Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko, Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise.
-
20
|1 Corintios 1:20|
Siphi na ke isilumko? Uphi na ke umbhali? Uphi na ke umphiki weli phakade? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40