-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Corintios 4:11|
Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba ze, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka,
-
12
|1 Corintios 4:12|
sisebenza ngezethu izandla; sithi, sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiwa, sibe sinyamezela;
-
13
|1 Corintios 4:13|
sithi sinyeliswa, sibe siyala; sixeliswa inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, kude kube ngoku.
-
14
|1 Corintios 4:14|
Ezo nto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo.
-
15
|1 Corintios 4:15|
Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo.
-
16
|1 Corintios 4:16|
Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna.
-
17
|1 Corintios 4:17|
Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintanda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.
-
18
|1 Corintios 4:18|
Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni.
-
19
|1 Corintios 4:19|
Ndiya kuza ke kuni kamsinya, ukuba iNkosi ithe yavuma, ukuze ndinganeli kukwazi ukuthetha kwabakhukhumeleyo, ndazi amandla abo.
-
20
|1 Corintios 4:20|
Kuba ubukumkani bukaThixo abusekuthetheni, busemandleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40