-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Corintios 6:11|
Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.
-
12
|1 Corintios 6:12|
Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;
-
13
|1 Corintios 6:13|
izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.
-
14
|1 Corintios 6:14|
UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe.
-
15
|1 Corintios 6:15|
Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye!
-
16
|1 Corintios 6:16|
Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye.
-
17
|1 Corintios 6:17|
Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo.
-
18
|1 Corintios 6:18|
Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.
-
19
|1 Corintios 6:19|
Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?
-
20
|1 Corintios 6:20|
Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21