-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Crónicas 14:11|
Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
-
12
|1 Crónicas 14:12|
Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo.
-
13
|1 Crónicas 14:13|
Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo.
-
14
|1 Crónicas 14:14|
Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka;
-
15
|1 Crónicas 14:15|
kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.
-
16
|1 Crónicas 14:16|
Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere.
-
17
|1 Crónicas 14:17|
Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10