-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Crónicas 14:1|
Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.
-
2
|1 Crónicas 14:2|
Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
-
3
|1 Crónicas 14:3|
UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.
-
4
|1 Crónicas 14:4|
Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
-
5
|1 Crónicas 14:5|
noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,
-
6
|1 Crónicas 14:6|
noNoga, noNefege, noYafiya,
-
7
|1 Crónicas 14:7|
noElishama, noBheleyada, noElifelete.
-
8
|1 Crónicas 14:8|
Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.
-
9
|1 Crónicas 14:9|
AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.
-
10
|1 Crónicas 14:10|
Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10