-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Crónicas 20:1|
Kwathi ukuvela komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani, uYowabhi wayeyiphethe impi ephuma umkhosi; walonakalisa ilizwe loonyana baka-Amon, wafika wayingqinga iRabha. UDavide yena wahlala eYerusalem. UYowabhi ke wayichitha iRabha, wayitshabalalisa.
-
2
|1 Crónicas 20:2|
UDavide wasithabatha isithsaba sokumkani wabo entlokweni yakhe, wasifumana siyitalente yegolide ubunzima baso, sinamatye anqabileyo; sabekwa entlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba aloo mzi amaninzi kunene.
-
3
|1 Crónicas 20:3|
Ke abantu ababekhona wabarhola, wabasika ngeesarha, nangezisizilo zesinyithi, nangeempahla ezibukhali zesinyithi. Wenjenjalo uDavide kwimizi yonke yoonyana baka-Amon. Wabuya ke uDavide nabantu bonke, waya eYerusalem.
-
4
|1 Crónicas 20:4|
Kwathi emva koko, kwaliwa namaFilisti eGezere; wesuka uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, obe engowoonyana bakaRafa; oyiswa ke.
-
5
|1 Crónicas 20:5|
Kwabuya kwaliwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, umzalwana kaGoliyati waseGati, oluthi lwentshuntshe yakhe lwalungangomthi wabaluki.
-
6
|1 Crónicas 20:6|
Kwabuya kwaliwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, eminwe neenzwane zazingamashumi amabini anane; imithandathu sandleni sinye, zintandathu lunyaweni lunye; nayo ibizalwa nguRafa.
-
7
|1 Crónicas 20:7|
Yawangcikiva amaSirayeli; wayibulala uYonatan, unyana kaShimeha umkhuluwa kaDavide.
-
8
|1 Crónicas 20:8|
Abo bazalwa nguRafa eGati; bawa ngesandla sikaDavide, nangesandla sabakhonzi bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10