-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|1 Crónicas 16:31|
Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi, Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.
-
32
|1 Crónicas 16:32|
Malugqume ulwandle nokuzala kwalo; Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,
-
33
|1 Crónicas 16:33|
Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova; Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.
-
34
|1 Crónicas 16:34|
Bulelani kuYehova ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
35
|1 Crónicas 16:35|
Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo, Usibuthe, usihlangule ezintlangeni, Ukuze sibulele igama lakho elingcwele, Sizingce ngendumiso yakho.
-
36
|1 Crónicas 16:36|
Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni! Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.
-
37
|1 Crónicas 16:37|
Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;
-
38
|1 Crónicas 16:38|
noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango.
-
39
|1 Crónicas 16:39|
UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon,
-
40
|1 Crónicas 16:40|
ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40