-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Crónicas 17:11|
Kothi, xa ithe yazaliseka imihla yakho yokuba uye kooyihlo, ndiyipha kamise emva kwakho imbewu yakhe, eya kuvela koonyana bakho, ndibuzi nzise ukukumkani bakhe.
-
12
|1 Crónicas 17:12|
Nguye oya kundakhela indlu, ndiyizinzise itrone yakhe, kude kuse ephakadeni.
-
13
|1 Crónicas 17:13|
Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana kum. Inceba yam andiyi kuyisusa kuye, njengoko ndayisusayo kowayengaphambi kwakho.
-
14
|1 Crónicas 17:14|
Ndiya kummisa endlwini yam, nasebukumkanini bam, kude kuse ephakadeni; itrone yakhe iya kuzinza kude kuse ephakadeni.
-
15
|1 Crónicas 17:15|
Njengaloo mazwi onke, njengaloo mbono wonke, wenjenjalo uNatan ukuthetha kuDavide.
-
16
|1 Crónicas 17:16|
Waya ukumkani uDavide, wahlala phambi koYehova, wathi, Ndingubani na, Yehova Thixo, iyintoni na indlu yam, ukuba ude undizise nalapha?
-
17
|1 Crónicas 17:17|
Kuncinane oko ke emehlweni akho, Thixo; uthethe nangendlu yomkhonzi wakho wasingisa mgama; wandikhangela, wandenza umntu, wandinyusa, Yehova Thixo.
-
18
|1 Crónicas 17:18|
Usaya kongeza ntoni na uDavide, ukuthetha kuwe ngokusingisele ekuzukisweni komkhonzi wakho lo? Wena uyamazi umkhonzi wakho lo.
-
19
|1 Crónicas 17:19|
Yehova, ubenze ngenxa yomkhonzi wakho, nangokwentliziyo yakho, bonke obo bukhulu, ukwazisa ezi zenzo zonke zikhulu kangaka.
-
20
|1 Crónicas 17:20|
Yehova, akukho unjengawe; akukho Thixo ngaphaya kwakho, njengoko konke sikuvileyo ngeendlebe zethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10