-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Crónicas 18:11|
Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.
-
12
|1 Crónicas 18:12|
UAbhishayi unyana kaTseruya wawabulala amaEdom angamawaka alishumi linesibhozo eSihlanjeni seTyuwa.
-
13
|1 Crónicas 18:13|
Wamisa ikampu kwelamaEdom; aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
-
14
|1 Crónicas 18:14|
Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke; waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.
-
15
|1 Crónicas 18:15|
Ke uYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; noYehoshafati unyana ka-Ahiludi wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
-
16
|1 Crónicas 18:16|
UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAbhimeleki unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli; uShavesha wayengumbhali.
-
17
|1 Crónicas 18:17|
UBhenaya unyana kaYoyada ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babeyingalo yokunene kukumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40