-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Crónicas 21:21|
Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandeni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.
-
22
|1 Crónicas 21:22|
Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesanda, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wondinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.
-
23
|1 Crónicas 21:23|
Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.
-
24
|1 Crónicas 21:24|
Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize.
-
25
|1 Crónicas 21:25|
UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.
-
26
|1 Crónicas 21:26|
Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.
-
27
|1 Crónicas 21:27|
Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.
-
28
|1 Crónicas 21:28|
Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandeni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.
-
29
|1 Crónicas 21:29|
Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.
-
30
|1 Crónicas 21:30|
UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 25-27