-
-
Xhosa
-
-
8
|1 Juan 4:8|
Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.
-
9
|1 Juan 4:9|
Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye.
-
10
|1 Juan 4:10|
Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
-
11
|1 Juan 4:11|
Zintanda, ukuba wenjenjalo uThixo ukusithanda, nathi sifanele ukuthandana.
-
12
|1 Juan 4:12|
Akukho namnye owakha wambona uThixo; ukuba sithi sithandane, uThixo uhleli kuthi, nothando lwakhe lugqibelele ngaphakathi kwethu.
-
13
|1 Juan 4:13|
Sazi ngale nto ukuba sihleli kuye, naye uhleli kuthi; ngokuba usinike okoMoya wakhe.
-
14
|1 Juan 4:14|
Sibonile thina, siyangqina, ukuba uYise umthumile uNyana ukuba nguMsindisi wehlabathi.
-
15
|1 Juan 4:15|
Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo.
-
16
|1 Juan 4:16|
Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo. UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.
-
17
|1 Juan 4:17|
Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19