-
-
Xhosa
-
-
18
|1 Juan 4:18|
Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.
-
19
|1 Juan 4:19|
Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.
-
20
|1 Juan 4:20|
Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga?
-
21
|1 Juan 4:21|
Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.
-
1
|1 Juan 5:1|
Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye.
-
2
|1 Juan 5:2|
Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe.
-
3
|1 Juan 5:3|
Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.
-
4
|1 Juan 5:4|
Ngokuba konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.
-
5
|1 Juan 5:5|
Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?
-
6
|1 Juan 5:6|
Lowo ngulo wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; engenawo amanzi odwa, enawo amanzi, enalo igazi. UMoya ke ungulo ungqinayo, ngokuba uMoya uyiyo inyaniso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19