-
-
Xhosa
-
-
11
|Daniel 11:11|
Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe.
-
12
|Daniel 11:12|
Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawaka-waka angamashumi; ke angeyisi noko.
-
13
|Daniel 11:13|
Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi.
-
14
|Daniel 11:14|
Ngaloo maxesha kuya kusukela phezulu abaninzi ngakukumkani wasezantsi; baziphakamise oonyana abangamanyangaza abantu bakowenu, ukuba bawumise umbono; bakhubeke.
-
15
|Daniel 11:15|
Wofika ukumkani wasentla, afumbe udonga lokungqinga, ayithimbe imizi enqatyisiweyo; iingalo zasezantsi zingamisi, nabantu bakhe abahleliweyo bangabi namandla okuma.
-
16
|Daniel 11:16|
Ofikayo khona uya kwenza ngokuthanda kwakhe, kungabikho umisayo phambi kwakhe, amise yena ezweni eliligugu, atshabalalise ngesandla sakhe.
-
17
|Daniel 11:17|
Wobubhekisa ubuso bakhe ekuthini eze enokuqina kobukumkani bakhe bonke, ecinga ukulungisa; enze ke; amnike intombi yabafazi, ukuze ayonakalise. Ke ayiyi kuma, ayiyi kuba lutho kuye.
-
18
|Daniel 11:18|
Uya kujika, abhekise eziqithini, azithimbe ezininzi, aphelise abaphathi, kuthi cwaka ukungcikiva kwabo kubo; ke ukungcikiva kwakhe baya kukubuyisela kuye.
-
19
|Daniel 11:19|
Wojika, abhekise ezinqabeni zelizwe lakhe, akhubeke, awe, angafunyanwa.
-
20
|Daniel 11:20|
Endaweni yakhe kuya kusuka kume ocandisa abaqhubi babantu ebungangamsheni bobukumkani; ngeentsuku ezimbalwa aphulwe, kungabi ngamisindo, kungabi ngamfazwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3