-
-
Xhosa
-
-
1
|Daniel 2:1|
Ngomnyaka wesibini uNebhukadenetsare engukumkani, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha, wakhathazeka umoya wakhe, waphelelwa bubuthongo.
-
2
|Daniel 2:2|
Ukumkani wathi makubizwe izazi, nabakhwitsi, nabakhafuli, namaKaledi, bamxelele ukumkani amaphupha akhe. Beza ke bema phambi kokumkani.
-
3
|Daniel 2:3|
Wathi ukumkani kubo, Ndiphuphe iphupha; umoya wam ke ungqungela ukulazi iphupha elo.
-
4
|Daniel 2:4|
AmaKaledi athetha ke kukumkani ngesiAram, athi, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade! Balawulele abakhonzi bakho iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.
-
5
|Daniel 2:5|
Waphendula ukumkani, wathi kumaKaledi, Ilizwi lam malazeke; ukuba anithanga nindazise iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, niya kwenziwa iziqwenga, izindlu zenu zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle.
-
6
|Daniel 2:6|
Ukuba nithe nalixela iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, nozuza kum izipho, nemivuzo, nembeko enkulu; ngako oko ndixeleleni iphupha, nokutyhilwa kwalo.
-
7
|Daniel 2:7|
Aphendula okwesibini athi, Ukumkani makabalawulele abakhonzi bakhe iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.
-
8
|Daniel 2:8|
Ukumkani waphendula wathi, Ndiyazi ngokunyanisekileyo, ukuba ninga ningazuza ixesha, ngenxa enokuba nibona ukuba seliwisiwe ilizwi lam.
-
9
|Daniel 2:9|
Ukuba ke anithanga nindazise iphupha, mnye umthetho kuni; ngokuba nibhunge ngokuthetha amazwi angamanga, onakalisayo, phambi kwam, lide ixesha libe lilimbi. Ngako oko ndityeleni iphupha elo, ndazi ke ukuba nondixelela ukutyhilwa kwalo.
-
10
|Daniel 2:10|
Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu phezu kwehlabathi unokuyixela le nto kakumkani; ngenxa yokuba akukho kumkani mkhulu, unegunya, wakha wabuza into enjalo kuzo zonke izazi, nabakhwitsi, namaKaledi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38