-
-
Xhosa
-
-
11
|Daniel 2:11|
Ke loo nto ayifunayo ukumkani inqabile; akukho namnye unokuyixela phambi kokumkani, ingengabo oothixo abakhaya lingekhoyo kwizinto eziyinyama.
-
12
|Daniel 2:12|
Ngenxa yoko waqumba ukumkani, waba noburhalarhume obukhulu, wathi mazitshatyalaliswe zonke izilumko zaseBhabheli.
-
13
|Daniel 2:13|
Kwaphuma umthetho wokuba mazibulawe izilumko. Bamfuna ke uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bababulale.
-
14
|Daniel 2:14|
Waza waphendula ngecebo nangengqondo uDaniyeli kuAriyoki, umthetheli wabasiki bokumkani, obephume weza kubulala izilumko zaseBhabheli.
-
15
|Daniel 2:15|
Waphendula wathi kuAriyoki, obenegunya lakomkhulu, Yini na ukuba kuphume umthetho onje ukuba bukhali kukumkani? Waza uAriyoki wamazisa uDaniyeli le nto.
-
16
|Daniel 2:16|
UDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba anuxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.
-
17
|Daniel 2:17|
Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazisa ooHananiya, noMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;
-
18
|Daniel 2:18|
ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangatshatyalaliswa uDaniyeli nama kholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.
-
19
|Daniel 2:19|
Waza wayityhilelwa uDaniyeli loo mfihlakalo ngombono wasebusuku. Waza uDaniyeli wambonga uThixo wamazulu.
-
20
|Daniel 2:20|
Wasusela uDaniyeli wathi, Malibongwe igama likaThixo, kususela kunaphakade kude kuse ephakadeni; ngokuba ubulumko nobugorha bona bobakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34