-
-
Xhosa
-
-
1
|Daniel 9:1|
Ngomnyaka wokuqala kaDariyo unyana ka-Ahaswerosi, wasembewini yamaMedi, owaba ngukumkani phezu kobukumkani bamaKaledi,
-
2
|Daniel 9:2|
ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, mna, Daniyeli, ndaqonda ngazo iincwadi inani leminyaka, elafikayo ngayo ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe ngokusingisele kumanxuwa eYerusalem.
-
3
|Daniel 9:3|
Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu.
-
4
|Daniel 9:4|
Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe,
-
5
|Daniel 9:5|
sonile, senze ngobugwenxa, senze okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho.
-
6
|Daniel 9:6|
Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe.
-
7
|Daniel 9:7|
Nkosi, bukuwe ubulungisa; kuthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe.
-
8
|Daniel 9:8|
Nkosi, kuthi kukudana kobuso, kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe.
-
9
|Daniel 9:9|
ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye.
-
10
|Daniel 9:10|
Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10