-
-
Xhosa
-
-
1
|Daniel 6:1|
Kwakholeka kuDariyo ukumisa phezu kobukumkani iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zibe sebukumkanini bonke.
-
2
|Daniel 6:2|
Wamisa phezu kwazo ezo abongameli babathathu, omnye kubo inguDaniyeli, ukuze iirhuluneli zinike ingxelo kubo, aze ukumkani angabi nankxwaleko.
-
3
|Daniel 6:3|
Waza lo Daniyeli wabongamela abongameli nabaziirhuluneli, ngokokuba egqithisele kubongameli ngomoya omhle; ukumkani wacinga ngokummisa phezu kobukumkani bonke.
-
4
|Daniel 6:4|
Baza abongameli nabaziirhuluneli bafuna, ukuba bafumane ithuba ngakuDaniyeli mayela nobukumkani. Ke ababanga nako ukufumana nalinye ithuba, nantlondi imbi, ngenxa enokuba ebethembekile; bekungafumaneki nanye imposiso nantlondi imbi kuye.
-
5
|Daniel 6:5|
Aza loo madoda athi, Asiyi kufumana nalinye ithuba ngakulo Daniyeli, ngaphandle kokuba silifumane kuye mayela nomthetho woThixo wakhe.
-
6
|Daniel 6:6|
Baza abo bangabongameli nabaziirhuluneli beza kukumkani bedlongozela, batsho kuye ukuthi, Kumkani Dariyo, phila ngonaphakade!
-
7
|Daniel 6:7|
Bonke abongameli bobukumkani, nabathetheli bomkhosi, neerhuluneli, namaphakathi, namabamba, bavumelene ngecebo lokuba ukumkani amise ummiselo, aqinise isalelo sokuthi: Bonke abathandaza umthandazo nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama.
-
8
|Daniel 6:8|
Kaloku ke, kumkani, siqinise isalelo, uwubhale umbhalo, ongenakuguqulwa wona, ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiwa bani.
-
9
|Daniel 6:9|
Ngenxa yoko ukumkani uDariyo wawubhala umbhalo lowo, isalelo eso.
-
10
|Daniel 6:10|
Ke kaloku uDaniyeli, akwazi ukuba umbhalo lowo ubhaliwe, wangena endlwini yakhe; ibe neefestile zivulekile egumbini lakhe eliphezulu, elikhangele eYerusalem. Waguqa ngamadolo akhe izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, wabulela phambi koThixo wakhe, ngenxa enokuba ebesenjenjalo kakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7