-
-
Xhosa
-
-
21
|Daniel 8:21|
nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan; uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala.
-
22
|Daniel 8:22|
Ukwaphuka oku, kume zibe ne esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani ezine eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.
-
23
|Daniel 8:23|
Ekupheleni kobukumkani babo, bakubonÂ’ ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala, obaziyo ubuqhetseba;
-
24
|Daniel 8:24|
omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke uya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele.
-
25
|Daniel 8:25|
Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla.
-
26
|Daniel 8:26|
Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke, uze uwuvalele umbono; ngokuba uyakwimihla emininzi.
-
27
|Daniel 8:27|
Mna Daniyeli ndaphela, ndaneentsuku ndisifa; ndavuka, ndayenza imicimbi yokumkani. Ndamangaliswa yimbonakalo leyo; kwakungekho uyiqondayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40