-
-
Xhosa
-
-
1
|Esdras 1:1|
Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi, ukumkani wasePersi; wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala, esithi,
-
2
|Esdras 1:2|
Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.
-
3
|Esdras 1:3|
Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.
-
4
|Esdras 1:4|
Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukele kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem.
-
5
|Esdras 1:5|
Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.
-
6
|Esdras 1:6|
Bonke ababebangqongile babancedisa ngezitya zesilivere, nangegolide, nangempahla, nangeenkomo, nangezinto ezinqabileyo; ngaphandle kwazo zonke ezibe zinikwe ngabantu ngokuqhutywa yintliziyo.
-
7
|Esdras 1:7|
Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yoothixo bakhe.
-
8
|Esdras 1:8|
UKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, wazinikela kuMitredati, umgcini-ndyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda.
-
9
|Esdras 1:9|
Lilo eli inani lazo: izitya zegolide zamashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iinkamba zamashumi mabini anesithoba, iindebe zegolide zamashumi mathathu,
-
10
|Esdras 1:10|
iindebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mane anashumi linye, iimpahla ezizimbi zaliwaka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7