-
-
Xhosa
-
-
60
|Esdras 2:60|
oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
-
61
|Esdras 2:61|
Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
-
62
|Esdras 2:62|
abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
-
63
|Esdras 2:63|
Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.
-
64
|Esdras 2:64|
Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
-
65
|Esdras 2:65|
ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
-
66
|Esdras 2:66|
Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu;
-
67
|Esdras 2:67|
iinkamela zabo ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
-
68
|Esdras 2:68|
Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo.
-
69
|Esdras 2:69|
Banikela ngoko konke ababenako ebuncwaneni bomsebenzi: igolide yangamawaka amashumi amathandathu, anawaka linye eedarike, nesilivere yangamawaka amahlanu eemina, nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7