-
-
Xhosa
-
-
10
|Esdras 3:10|
Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
-
11
|Esdras 3:11|
Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.
-
12
|Esdras 3:12|
Ke isininzi kubabingeleli, nabaLevi, neentloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu, awayeyibonile indlu yokuqala, sathi ekusekweni kwale ndlu emehlweni aso, salila ngezwi elikhulu; ke abaninzi baduma, bavuya ngokuphakamisa ilizwi.
-
13
|Esdras 3:13|
Abantu ababa nakulahlula ilizwi lokuduma ngokuvuya kwilizwi lokulila kwabantu; ngokuba abantu babeduma ngodumo olukhulu; ilizwi lavakala nakude.
-
1
|Esdras 4:1|
Ke kaloku, bakuva ababandezeli bamaYuda nabamaBhenjamin, ukuba oonyana basemfudusweni bamakhela itempile uYehova uThixo wakwaSirayeli,
-
2
|Esdras 4:2|
beza kuZerubhabheli, nakwiintloko zezindlu zooyise, bathi kubo, Masakhe nani, ngokuba siquqela uThixo wenu njengani; sibingelela kuye kususela kwimihla kaEsar-hadon, ukumkani waseAsiriya, owasinyusela apha.
-
3
|Esdras 4:3|
Wathi uZerubhabheli, noYeshuwa, nabanye abaziintloko zezindlu zooyise bakwaSirayeli kubo, Anithe ni nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; somakhela sedwa uYehova, uThixo wakwaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako ukumkani onguKoreshi, ukumkani wasePersi.
-
4
|Esdras 4:4|
Abantu belo zwe bamana ukubaphelisa amandla abantu bakwaYuda, beboyikisa ekwakheni;
-
5
|Esdras 4:5|
bebaqeshela amagqwetha, ukuba alishitshise iqhinga labo, yonke imihla kaKoreshi ukumkani wasePersi, kwada kwezisa ebukumkanini bukaDariyo ukumkani wasePersi.
-
6
|Esdras 4:6|
Nasebukumkanini buka-Ahaswerose, ekuqalekeni kobukumkani bakhe, babhala, bebancetheza abemi bakwaYuda nabaseYerusalem.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7