-
-
Xhosa
-
-
3
|Esdras 5:3|
Kwangelo xesha, weza kubo uTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, bathi kubo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
-
4
|Esdras 5:4|
Saza senjenje ukuthetha kubo, ngoonantsi noonantsi, amagama amadoda ayakhayo le ndlu.
-
5
|Esdras 5:5|
Ke iliso loThixo wawo libe liphezu kwamadoda amakhulu amaYuda, ukuba bangawabambezeli, ide loo ndawo iye kuDariyo, bakhuphe incwadi ngayo loo ndawo.
-
6
|Esdras 5:6|
Incwadi leyo, ooTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane bakhe bama-Afarseka banganeno koMlambo, bayithumelayo kuDariyo ukumkani,
-
7
|Esdras 5:7|
bayithumela loo ndawo kuye; kwabhalwa kwathiwa kuyo: KuDariyo ukumkani, uxolo luphelele.
-
8
|Esdras 5:8|
Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo.
-
9
|Esdras 5:9|
Saza sabuza kumadoda lawo makhulu, sathi kuwo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
-
10
|Esdras 5:10|
Sabuza kuwo namagama awo, ukuba sikwazise wena, siwabhale amagama amadoda aziintloko kuwo.
-
11
|Esdras 5:11|
Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabakhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwayo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.
-
12
|Esdras 5:12|
Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5