-
-
Xhosa
-
-
16
|Esdras 6:16|
Oonyana bakaSirayeli, ababingeleli nabaLevi nabanye oonyana basemfudusweni, bakwenza ngovuyo ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo.
-
17
|Esdras 6:17|
Basondezela ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo, ikhulu leenkunzi ezintsha zeenkomo, namakhulu amabini eenkunzi zeegusha, namakhulu amane eemvana; neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono, ngenxa yamaSirayeli onke, zalishumi elinambini, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli.
-
18
|Esdras 6:18|
Babamisa ababingeleli ngokwezahlulo zabo, nabaLevi ngokwamaqela abo, phezu kwenkonzo kaThixo eseYerusalem, ngoko kubhaliweyo encwadini kaMoses.
-
19
|Esdras 6:19|
Oonyana basemfudusweni bayenza ipasika ngomhla weshumi elinesine wenyanga yokuqala;
-
20
|Esdras 6:20|
ngokuba babezihlambulule ababingeleli nabaLevi, njengamntu mnye, bahlambuluka bonke bephela; babaxhelela ipasika oonyana bonke basemfudusweni, nabazalwana babo ababingeleli, nabo ngokwabo.
-
21
|Esdras 6:21|
Badla ke oonyana bakaSirayeli ababebuye ekufudusweni, kwanabo bonke abazahlulayo ebunqambini beentlanga zelizwe, beza kubo ukuba bamquqele uYehova, uThixo kaSirayeli.
-
22
|Esdras 6:22|
Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile; ngokuba uYehova ebebavuyisile ngokuyibuyisela kubo intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.
-
1
|Esdras 7:1|
Emveni kwezo zinto, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani wasePersi, wathi uEzra, unyana kaSeraya, unyana ka-Azariya, unyana kaHilekiya,
-
2
|Esdras 7:2|
unyana ka-Shalum, unyana kaTsadoki, unyana ka-Abhitubhi,
-
3
|Esdras 7:3|
unyana ka-Amariya, unyana ka-Azariya, unyana kaMerayoti,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8