-
-
Xhosa
-
-
4
|Esdras 7:4|
unyana kaZeraya, unyana kaUzi, unyana kaBhuki,
-
5
|Esdras 7:5|
unyana ka-Abhishuwa, unyana kaPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli oyintloko:
-
6
|Esdras 7:6|
uEzra lowo wenyuka, ephuma eBhabheli. Waye engumbhali oyinkunkqele emyalelweni kaMoses, awawuwisayo uYehova, uThixo kaSirayeli. Ukumkani wamnika konke awakucelayo ngokwesandla sikaYehova, uThixo wakhe, esiphezu kwakhe.
-
7
|Esdras 7:7|
Kwenyuka naye inxenye yoonyana bakaSirayeli, neyababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, besiya eYerusalem, ngomnyaka wesixhenxe ka-Artashashta ukumkani.
-
8
|Esdras 7:8|
Wafika eYerusalem ngenyanga yesihlanu; lowo ke ngumnyaka wesixhenxe wokumkani.
-
9
|Esdras 7:9|
Ngokuba ibe ingumhla wokuqala wenyanga yokuqala, awawumisela ukunyuka ngawo, ephuma eBhabheli; wafika eYerusalem ngomhla wokuqala wenyanga yesihlanu, ngokwesandla esilungileyo sikaThixo wakhe, esibe siphezu kwakhe;
-
10
|Esdras 7:10|
ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli.
-
11
|Esdras 7:11|
Yiyo le incwadi, awathi ukumkani uArtashashta wamnika uEzra umbingeleli, umbhali obhala amazwi emithetho kaYehova, nemimiselo yakhe kumaSirayeli:
-
12
|Esdras 7:12|
UArtashashta, ukumkani wookumkani, kuEzra umbingeleli, umbhali ogqibeleleyo emthethweni kaThixo wamazulu, njalonjalo.
-
13
|Esdras 7:13|
Ndiwise umthetho wokuba bonke ebukumkanini bam, phakathi kwabantu bakwaSirayeli, nababingeleli babo nabaLevi, abaqhutywa yintliziyo ukuya eYerusalem, mabahambe nawe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7