-
-
Xhosa
-
-
24
|Esdras 7:24|
Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo.
-
25
|Esdras 7:25|
Wena Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, misa abagwebi, nabathethi bamatyala, ebantwini bonke abaphesheya koMlambo; ndithi, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; nabangayaziyo nobazisa.
-
26
|Esdras 7:26|
Ke bonke abasukuba bengawenzi umthetho kaThixo wakho, nomthetho wokumkani, malithethwe ityala labo ngenyameko, nokuba baya kubulawa, nokuba baya kugxothwa, nokuba baya kudliwa, nokuba baya kukhonkxwa.
-
27
|Esdras 7:27|
Makabongwe uYehova, uThixo woobawo, oyinikeleyo into enjalo entliziyweni yokumkani, ukuba ayihombise indlu kaYehova eseYerusalem;
-
28
|Esdras 7:28|
ondithobele inceba phambi kokumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bonke bokumkani abangamagorha. Mna ndomelezeka ngokwesandla sikaYehova uThixo wam esiphezu kwam; ndazibutha kumaSirayeli iintloko zezindlu zooyise, ukuba zinyuke nam.
-
1
|Esdras 8:1|
Zizo ke ezi iintloko zezindlu zooyise, nokubhalwa kwazo emilibeni yokuzalwa, ezenyuka nam, ziphuma eBhabheli, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani:
-
2
|Esdras 8:2|
koonyana bakaPinehasi nguGershom; koonyana bakaItamare nguDaniyeli; koonyana bakaDavide nguHatushe;
-
3
|Esdras 8:3|
koonyana bakaShekaniya, koonyana bakaParoshe, nguZekariya, enamadoda abhalwe emilibeni yokuzalwa, alikhulu elinamanci mahlanu;
-
4
|Esdras 8:4|
koonyana bakaPahati wakwaMowabhi nguEliyohenayi unyana kaZeraya, enamadoda angamakhulu mabini;
-
5
|Esdras 8:5|
koonyana bakaShekaniya, ngunyana kaYahaziyeli, enamadoda angamakhulu amathathu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7