-
-
Xhosa
-
-
26
|Esdras 8:26|
Ndalinganisela esandleni sabo amakhulu amathandathu anamanci mahlanu eetalente zesilivere, nekhulu leetalente zeempahla zesilivere, nekhulu leetalente zegolide;
-
27
|Esdras 8:27|
namashumi amabini eendebe zegolide ziliwaka leedarike, neempahla ezimbini zobhedu olubengezela kakuhle, zinqweneleka njengegolide.
-
28
|Esdras 8:28|
Ndathi kubo, Ningcwele kuYehova, iimpahla zingcwele; negolide nesilivere zingumnikelo wabaqhutywa yintliziyo, kuYehova, uThixo wooyihlo;
-
29
|Esdras 8:29|
phaphani, nizigcine, nide nizilinganisele phambi kwabathetheli bababingeleli, nabaLevi, nabathetheli bezindlu zooyise zamaSirayeli, eYerusalem, emagumbini endlu kaYehova.
-
30
|Esdras 8:30|
Ababingeleli nabaLevi bawamkela ke umlinganiso wesilivere negolide nempahla, ukuba bawuzise eYerusalem endlwini yoThixo wethu.
-
31
|Esdras 8:31|
Saza sanduluka emlanjeni ongumAhava ngomhla weshumi elinesibini wenyanga yokuqala, ukuba size eYerusalem; isandla soThixo wethu saba phezu kwethu, sasihlangula esandleni seentshaba nesabasilaleleyo endleleni.
-
32
|Esdras 8:32|
Safika eYerusalem, sahlala khona iintsuku zantathu.
-
33
|Esdras 8:33|
Ngomhla wesine yalinganiselwa isilivere negolide neempahla, endlwini yoThixo wethu, esandleni sikaMeremoti unyana kaUriya, umbingeleli, enoElazare unyana kaPinehasi, benoYozabhadi unyana kaYeshuwa, noNowadiya unyana kaBhinwi, abaLevi;
-
34
|Esdras 8:34|
zanikelwa ngokwenani ngokulinganiselwa kwezinto zonke; konke ukulinganiselwa kwabhalwa ngelo xesha.
-
35
|Esdras 8:35|
Oonyana basemfudusweni, abo babephume ekuthinjweni, basondeza amadini anyukayo kuThixo kaSirayeli: iinkunzi ezintsha zeenkomo zalishumi elinambini, ngenxa yamaSirayeli onke, neenkunzi zeegusha zamashumi asithoba anantandathu, neemvana zamashumi asixhenxe anesixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono zalishumi elinambini; zonke zaba lidini elinyukayo kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7