-
-
Xhosa
-
-
13
|Esdras 5:13|
Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo.
-
14
|Esdras 5:14|
Kananjalo iimpahla zendlu kaThixo zegolide nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni eseYerusalem, awazizisayo etempileni yaseBhabheli, ezo wazikhupha uKoreshi ukumkani etempileni yaseBhabheli: zanikelwa kogama linguSheshbhatsare, awammisayo ukuba abe libamba.
-
15
|Esdras 5:15|
Wathi kuye, Thabatha ezi mpahla, hamba, uzise etempileni eseYerusalem, indlu kaThixo yakhelwe endaweni yayo.
-
16
|Esdras 5:16|
Waza weza lo Sheshbhatsare, wazibeka iziseko zendlu kaThixo eseYerusalem; kususela kwelo xesha unangoku iyakhiwa; ayikagqitywa ke.
-
17
|Esdras 5:17|
Kaloku, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphicothwe endlwini yendyebo yokumkani, eseBhabheli apho, kukhangelwe ukuba kunjalo na, ukuba wawiswa na umthetho nguKoreshi ukumkani, wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem; kananjalo makuthunyelwe kuthi ukuthanda kokumkani ngale nto.
-
1
|Esdras 6:1|
Waza uDariyo ukumkani wawisa umthetho; kwaphicothwa endlwini khona eBhabheli.
-
2
|Esdras 6:2|
Kwafunyanwa komkhulu, eAmeta, eselizweni lamaMedi, incwadi esongwayo; kwaye kubhaliwe apho isikhumbuzo, kwathiwa:
-
3
|Esdras 6:3|
Ngowokuqala umnyaka kaKoreshi ukumkani, wawisa umthetho uKoreshi ukumkani, wathi, Indlu kaThixo eYerusalem, mayakhiwe indlu leyo, ibe yindawo apho kubingelelwa khona imibingelelo; zimiswe neziseko zayo; ukuphakama kwayo kube ziikubhite ezimashumi mathandathu, ububanzi bayo bube ziikubhite ezimashumi mathandathu.
-
4
|Esdras 6:4|
Ize ibe ziingcamba ezintathu zamatye anzima, nocamba lwemithi emitsha; indleko mayiphume endlwini yokumkani.
-
5
|Esdras 6:5|
Neempahla zendlu kaThixo zegolide, nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni yaseYerusalem, wazizisa eBhabheli, mazibuyiswe zisiwe etempileni eseYerusalem, ezindaweni zazo, endlwini kaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21