-
-
Xhosa
-
-
17
|Esdras 4:17|
Waza ukumkani wabathumela impendulo ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo abahleli kwaSamari, nabanye abanganeno koMlambo, wathi: Uxolo, njalonjalo.
-
18
|Esdras 4:18|
Loo ncwadi nayithumelayo kuthi ilesiwe ngokucacileyo phambi kwam.
-
19
|Esdras 4:19|
Ndiwise umthetho, kwaphicothwa, kwafunyanwa ukuba lo mzi kwakudala uziphakamisile kookumkani, kwenziwa ugwiliko nesiphendu phakathi kwawo.
-
20
|Esdras 4:20|
Kwabe kukho ookumkani abanamandla eYerusalem, nabanegunya kwilizwe lonke eliphesheya koMlambo apho; kunikelwa kubo irhafu, nesithabathaba, nonikelo.
-
21
|Esdras 4:21|
Wisani ngoko umthetho wokuba abanjezelwe loo madoda, loo mzi ungakhiwa, kude kuwiswe umthetho ndim.
-
22
|Esdras 4:22|
Lumkani, ningakhe le nto niyiyeke; kungani na ukuba kukhule ukonakala, baxhwaleke ookumkani?
-
23
|Esdras 4:23|
Ithe yakuleswa incwadi ka-Artashashta ukumkani phambi koRehum, noShimshayi umbhali, nabalingane babo, basuka, beza ngobungxamo eYerusalem kumaYuda, bawanyanzela ngegunya nangamandla.
-
24
|Esdras 4:24|
Waza wema umsebenzi wendlu kaThixo eseYerusalem; wema kwada kwaba ngumnyaka wesibini wobukumkani bukaDariyo, ukumkani wasePersi.
-
1
|Esdras 5:1|
Ke kaloku abaprofeti, ooHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo, baprofeta kumaYuda abekwaYuda neYerusalem, egameni likaThixo kaSirayeli obekubo.
-
2
|Esdras 5:2|
Baza basuka ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabathetheli bakhe, ukuba bayakhe indlu kaThixo eYerusalem, abaprofeti bakaThixo bekubo bencedisana nabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21