-
-
Xhosa
-
-
7
|Esdras 4:7|
Nangemihla ka-Artashashta kwabhala uBhish-lam, noMitredati, noTabheli, nabanye abalingane babo, kuArtashashta ukumkani wasePersi; incwadi yabhalwa ngentetho yesiAram, yakhunyushwa ngesiAram.
-
8
|Esdras 4:8|
OoRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, babhala incwadi ngeYerusalem kuArtashashta ukumkani, ngolu hlobo.
-
9
|Esdras 4:9|
Bathumela ke ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo bamaDina, nabama-Afarsateki, nabamaTarpela, nabama-Afarsi, nabama-Arki, nabamaBhabheli, nabamaShushanki, nabamaDehavi, nabamaElam,
-
10
|Esdras 4:10|
nezinye izizwe, awazithimbayo uOsnapare omkhulu obekekileyo, wazibeka emzini wakwaSamari, nakweminye nganeno koMlambo, nakwezinye iindawo.
-
11
|Esdras 4:11|
Yiyo le incwadi abayithumela kuArtashashta ukumkani, ithi: Abakhonzi bakho, amadoda anganeno koMlambo, njalonjalo.
-
12
|Esdras 4:12|
Makwazeke kukumkani, ukuba amaYuda anyukileyo evela kuwe, afikile kuthi eYerusalem; ayawakha umzi ogwilikayo, ongendawo; ayazimisa iindonga zawo, ayazimbela iziseko.
-
13
|Esdras 4:13|
Makwazeke ngoku kukumkani, ukuba othi, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, angarholi rhafu nasithabathaba, nalunikelo, kude kuye kuxhwaleka ookumkani.
-
14
|Esdras 4:14|
Kaloku, ngenxa enokuba sisidla ityuwa yasebhotwe, kwaye kungafanelekile kuthi ukubona ukumkani encitshiswa. Ngako oko siyathumela, simazisa ukumkani,
-
15
|Esdras 4:15|
ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.
-
16
|Esdras 4:16|
Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wothi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7