-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Mateo 10:31|
Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
-
32
|Mateo 10:32|
Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini.
-
33
|Mateo 10:33|
Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.
-
34
|Mateo 10:34|
Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.
-
35
|Mateo 10:35|
Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala.
-
36
|Mateo 10:36|
Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe.
-
37
|Mateo 10:37|
Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna.
-
38
|Mateo 10:38|
Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.
-
39
|Mateo 10:39|
Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.
-
40
|Mateo 10:40|
Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40