-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Mateo 18:1|
Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?
-
2
|Mateo 18:2|
UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.
-
3
|Mateo 18:3|
Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.
-
4
|Mateo 18:4|
Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.
-
5
|Mateo 18:5|
Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna.
-
6
|Mateo 18:6|
Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.
-
7
|Mateo 18:7|
Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!
-
8
|Mateo 18:8|
Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade.
-
9
|Mateo 18:9|
Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.
-
10
|Mateo 18:10|
Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7