-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Mateo 9:1|
Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo.
-
2
|Mateo 9:2|
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.
-
3
|Mateo 9:3|
Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa.
-
4
|Mateo 9:4|
UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu?
-
5
|Mateo 9:5|
Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?
-
6
|Mateo 9:6|
Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
-
7
|Mateo 9:7|
Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe.
-
8
|Mateo 9:8|
Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka.
-
9
|Mateo 9:9|
Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu; athi kuye, Ndilandele, Wesuka ke, wamlandela.
-
10
|Mateo 9:10|
Kwathi, akubonÂ’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38