-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 11:11|
Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.
-
12
|Mateo 11:12|
Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.
-
13
|Mateo 11:13|
Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane.
-
14
|Mateo 11:14|
Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.
-
15
|Mateo 11:15|
Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
16
|Mateo 11:16|
Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho, ekhwaza abalingane bawo,
-
17
|Mateo 11:17|
esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.
-
18
|Mateo 11:18|
Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon.
-
19
|Mateo 11:19|
UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.
-
20
|Mateo 11:20|
Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40