-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 12:11|
Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
-
12
|Mateo 12:12|
Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.
-
13
|Mateo 12:13|
Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.
-
14
|Mateo 12:14|
Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.
-
15
|Mateo 12:15|
Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
-
16
|Mateo 12:16|
Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
-
17
|Mateo 12:17|
ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
-
18
|Mateo 12:18|
Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; Intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.
-
19
|Mateo 12:19|
Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.
-
20
|Mateo 12:20|
Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40