-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 17:11|
Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto.
-
12
|Mateo 17:12|
Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo.
-
13
|Mateo 17:13|
Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
-
14
|Mateo 17:14|
BakubonÂ’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye umntu, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi,
-
15
|Mateo 17:15|
Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.
-
16
|Mateo 17:16|
Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.
-
17
|Mateo 17:17|
Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.
-
18
|Mateo 17:18|
Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
-
19
|Mateo 17:19|
Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?
-
20
|Mateo 17:20|
Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Levítico 17-19