-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 24:11|
Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.
-
12
|Mateo 24:12|
Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.
-
13
|Mateo 24:13|
Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.
-
14
|Mateo 24:14|
Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.
-
15
|Mateo 24:15|
Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),
-
16
|Mateo 24:16|
ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni.
-
17
|Mateo 24:17|
Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;
-
18
|Mateo 24:18|
nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.
-
19
|Mateo 24:19|
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
-
20
|Mateo 24:20|
Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40