-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 4:11|
Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
-
12
|Mateo 4:12|
Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.
-
13
|Mateo 4:13|
Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;
-
14
|Mateo 4:14|
ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
-
15
|Mateo 4:15|
Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali, Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan, WaseGalili yeentlanga,
-
16
|Mateo 4:16|
Abantu abo bahleli ebumnyameni Babone ukukhanya okukhulu; Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa Bavelelwe kukukhanya.
-
17
|Mateo 4:17|
Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
-
18
|Mateo 4:18|
Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.
-
19
|Mateo 4:19|
Athi ke kubo, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
-
20
|Mateo 4:20|
Bayishiya kwaoko iminatha, bamlandela ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7