-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Mateo 5:21|
Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo.
-
22
|Mateo 5:22|
Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, NtwÂ’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.
-
23
|Mateo 5:23|
Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe,
-
24
|Mateo 5:24|
wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.
-
25
|Mateo 5:25|
Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni.
-
26
|Mateo 5:26|
Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
-
27
|Mateo 5:27|
Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi.
-
28
|Mateo 5:28|
Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe.
-
29
|Mateo 5:29|
Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
-
30
|Mateo 5:30|
Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10