-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Corintios 15:11|
Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa.
-
12
|1 Corintios 15:12|
Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?
-
13
|1 Corintios 15:13|
Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;
-
14
|1 Corintios 15:14|
ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu.
-
15
|1 Corintios 15:15|
Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.
-
16
|1 Corintios 15:16|
Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga.
-
17
|1 Corintios 15:17|
Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu;
-
18
|1 Corintios 15:18|
ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.
-
19
|1 Corintios 15:19|
Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.
-
20
|1 Corintios 15:20|
UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19