-
-
Xhosa
-
-
41
|1 Corintios 15:41|
Bubodwa ubuqaqawuli belanga, bubodwa ubuqaqawuli benyanga, bubodwa ubuqaqawuli beenkwenkwezi; kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.
-
42
|1 Corintios 15:42|
Lunjalo ke kanye novuko lwabafileyo. Umzimba uhlwayelwa unokonakala, uvuka ungenakonakala.
-
43
|1 Corintios 15:43|
Uhlwayelwa uswele imbeko, uvuka unobuqaqawuli; uhlwayelwa uswele amandla, uvuka unamandla;
-
44
|1 Corintios 15:44|
kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya.
-
45
|1 Corintios 15:45|
Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.
-
46
|1 Corintios 15:46|
Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya.
-
47
|1 Corintios 15:47|
Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.
-
48
|1 Corintios 15:48|
Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;
-
49
|1 Corintios 15:49|
njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.
-
50
|1 Corintios 15:50|
Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19