-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 14:11|
UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Sincede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayame ngawe, size kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, unguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
-
12
|2 Crónicas 14:12|
UYehova wawaxabela amaKushi phambi koAsa, naphambi kwamaYuda; asaba ke amaKushi.
-
13
|2 Crónicas 14:13|
UAsa nabantu ababenaye bawasukela, bada besa eGerare; oyiswa amaKushi ngokokude angabi nakubuya aphethule; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi komkhosi wakhe; bemka nexhoba elininzi kunene.
-
14
|2 Crónicas 14:14|
Bayingenela yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba yafikelwa kukunkwantyiswa nguYehova. Bayiphanga yonke imizi; ngokuba amaxhoba ayemaninzi kuyo.
-
15
|2 Crónicas 14:15|
Batshabalalisa neentente zemfuyo, bathimba impahla emfutshane yaninzi, neenkamela; babuya ke baya eYerusalem.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21