-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|2 Crónicas 26:1|
Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubonÂ’ ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
-
2
|2 Crónicas 26:2|
Yakhiwa nguye iEloti, wayibuyisela kumaYuda, emva kokulala kokumkani kooyise.
-
3
|2 Crónicas 26:3|
U-Uziya ubeminyaka ilishumi elinamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguYekoliya waseYerusalem.
-
4
|2 Crónicas 26:4|
Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise.
-
5
|2 Crónicas 26:5|
Wamquqela uThixo ngemihla kaZekariya, owamfundisayo ukumoyika uThixo; ngemihla yokumquqela kwakhe uYehova, uThixo wamenza wanempumelelo.
-
6
|2 Crónicas 26:6|
Waphuma walwa namaFilisti, waluqhekeza udonga lwaseGati, nodonga lwaseYabhene, nodonga lwaseAshdode, wakha imizi kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti.
-
7
|2 Crónicas 26:7|
UThixo wamnceda kumaFilisti, nakuma-Arabhi ahleli eGur-bhahali, nakumaMahan.
-
8
|2 Crónicas 26:8|
Ama-Amon amnika u-Uziya umnikelo. Igama lakhe laduma, lada laya kufika ekungeneni kweYiputa; ngokuba womelela wada wenyuka.
-
9
|2 Crónicas 26:9|
U-Uziya wakha iinqaba ezinde eYerusalem, esangweni lembombo, nasesangweni lomfula, nasembombeni yodonga, wazinqabisa ke.
-
10
|2 Crónicas 26:10|
Wakha iinqaba ezinde entlango, wemba amaqula amaninzi; ngokuba imfuyo yakhe yabe ininzi kwelentili nakwelamathafa. Ubenabalimi bomhlaba nabezidiliya ezintabeni naseKarmele; ngokuba wayethanda ukulima umhlaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7