-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|2 Crónicas 29:1|
UHezekiya waba ngukumkani eminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAbhiya intombi kaZekariya.
-
2
|2 Crónicas 29:2|
Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.
-
3
|2 Crónicas 29:3|
Yena, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, ngenyanga yokuqala, wazivula iingcango zendlu kaYehova, wazilungisa.
-
4
|2 Crónicas 29:4|
Wabangenisa ababingeleli nabaLevi, wabahlanganisela ebaleni langasempumalanga, wathi kubo,
-
5
|2 Crónicas 29:5|
Ndiphulaphuleni, baLevi; zingcwaliseni kaloku; yingcwaliseni indlu kaYehova, uThixo wooyihlo, nikukhuphe ukungcola okusendaweni engcwele.
-
6
|2 Crónicas 29:6|
Ngokuba oobawo benza ubumenemene, benza okubi emehlweni kaYehova uThixo wethu, bamshiya, babusonga ubuso babo emnqubeni kaYehova, bawunikela ikhosi;
-
7
|2 Crónicas 29:7|
kananjalo bazivala iingcango zevaranda, bazicima izibane, abaqhumisela ngesiqhumiso, abawanyusa amadini anyukayo engcweleni kuThixo kaSirayeli.
-
8
|2 Crónicas 29:8|
Ngoko ke afikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
-
9
|2 Crónicas 29:9|
Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.
-
10
|2 Crónicas 29:10|
Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kuthi ukuvutha komsindo wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7