-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 29:21|
Bazisa iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe, neemvana zasixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zasixhenxe, ukuba zibe lidini lesono ngenxa yobukumkani, nangenxa yendawo engcwele, nangenxa yamaYuda. Wathi koonyana baka-Aron, ababingeleli, mabenze amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova.
-
22
|2 Crónicas 29:22|
Bazixhela iinkomo, ababingeleli balamkela igazi, balitshiza esibingelelweni; bazixhela iinkunzi zeegusha, balitshiza igazi esibingelelweni; bazixhela iimvana, balitshiza igazi esibingelelweni.
-
23
|2 Crónicas 29:23|
Bazizisa iinkunzi zeebhokhwe zedini lesono phambi kokumkani nebandla, bacinezela ngezandla zabo phezu kwazo;
-
24
|2 Crónicas 29:24|
bazixhela ababingeleli, ukuba bawacamagushele amaSirayeli onke, ngokulenza nyulu igazi lazo esibingelelweni; ngokuba ukumkani ebethe makenzelwe onke amaSirayeli idini elinyukayo nedini lesono.
-
25
|2 Crónicas 29:25|
Wabamisa abaLevi endlwini kaYehova, benamacangci, benemirhubhe, beneehadi, ngokomthetho kaDavide, noGadi imboni yokumkani, noNatan umprofeti; ngokuba loo mthetho ubungokaYehova ngabaprofeti bakhe.
-
26
|2 Crónicas 29:26|
Bema abaLevi benempahla kaDavide, ababingeleli benamaxilongo.
-
27
|2 Crónicas 29:27|
Wathi uHezekiya, makunyuswe idini elinyukayo esibingelelweni. Lithe lakuqalwa idini elinyukayo, yaqala ingoma kaYehova namaxilongo, ngokokuhlabela kweempahla zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
-
28
|2 Crónicas 29:28|
Lonke ibandla laqubuda, iimvumi zivuma, abavutheli-maxilongo bevuthela; oko konke kwenziwa lada lagqitywa idini elinyukayo.
-
29
|2 Crónicas 29:29|
Kwakugqitywa ukunyuswa idini elinyukayo, ukumkani nabo bonke abafumaneka benaye, baguqa baqubuda.
-
30
|2 Crónicas 29:30|
Bathi ooHezekiya ukumkani nabathetheli, mabamdumise uYehova abaLevi ngamazwi kaDavide naka-Asafu imboni. Bamdumisa ke bada bavuya; bathoba, baqubuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7