-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|2 Crónicas 14:1|
UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
-
2
|2 Crónicas 14:2|
UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
-
3
|2 Crónicas 14:3|
Wazisusa izibingelelo neziganga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.
-
4
|2 Crónicas 14:4|
Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
-
5
|2 Crónicas 14:5|
Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda iziganga, neentsika zelanga; bazola ubukumkani phambi kwakhe.
-
6
|2 Crónicas 14:6|
Wakha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.
-
7
|2 Crónicas 14:7|
Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
-
8
|2 Crónicas 14:8|
Ke kaloku uAsa wayenempi ephatha amakhaka nezikhali: kwaYuda ingamakhulu amathathu amawaka; nakwaBhenjamin, abaphatha iingweletshetshe nabatyeda izaphetha babengamakhulu, amabini anamanci asibhozo amawaka. Bonke abo babengamagorha anobukroti.
-
9
|2 Crónicas 14:9|
Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.
-
10
|2 Crónicas 14:10|
Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bakha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7