-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|2 Crónicas 29:31|
Waphendula uHezekiya wathi, Kungokunje nizingcwalisile kuYehova; yizani, nizise imibingelelo neyombulelo endlwini kaYehova. Layizisa ke ibandla imibingelelo neyombulelo; bonke ababeqhutywa yintliziyo, bazisa amadini anyukayo.
-
32
|2 Crónicas 29:32|
Inani lamadini anyukayo elawazisayo ibandla, lalingamashumi asixhenxe eenkomo, nekhulu leenkunzi zeegusha, namakhulu amabini eemvana. Ezo zonke zaba zezedini elinyukayo kuYehova.
-
33
|2 Crónicas 29:33|
Ezingcwalisiweyo iinkomo zaba ngamakhulu amathandathu, namawaka amathathu empahla emfutshane.
-
34
|2 Crónicas 29:34|
Kodwa ababingeleli babembalwa, ababa nakuwahlinza onke amadini anyukayo; bababambisa ke abazalwana babo abaLevi, wada wagqitywa loo msebenzi, bada bazingcwalisa ababingeleli; ngokuba abaLevi babethe tye ngentliziyo ukuzingcwalisa, kunababingeleli.
-
35
|2 Crónicas 29:35|
Kananjalo amadini anyukayo aba maninzi, enamanqatha emibingelelo yoxolo, neminikelo ethululwayo yawo amadini anyukayo; yaqiniselwa ke inkonzo yendlu kaYehova.
-
36
|2 Crónicas 29:36|
Ke uHezekiya nabantu bonke bakuvuyela oko uThixo akuqinisele abantu; ngokuba le nto yenziwa ngesiquphe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3