-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 26:11|
U-Uziya ubenempi elwayo, ephuma umkhosi ngamaqela, ngenani lokubalwa kwabo ngesandla sikaYehuweli umbhali, noMahaseya umphathi, phantsi kolawulo luka Hananiya, ongomnye wakubathetheli bokumkani.
-
12
|2 Crónicas 26:12|
Lonke inani leentloko zezindlu zooyise, lamagorha anobukroti, lalingamawaka amabini anamakhulu mathandathu.
-
13
|2 Crónicas 26:13|
Ngaphantsi kwabo, impi ephuma umkhosi yayingamakhulu amathathu amawaka, anamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu alwayo, anamandla obukroti ukumnceda ukumkani elutshabeni.
-
14
|2 Crónicas 26:14|
U-Uziya wawalungiselela, emkhosini wonke, iingweletshetshe, nezikhali, nezigcina-ntloko, neengubo zentsimbi, nezaphetha, namatye okusawula.
-
15
|2 Crónicas 26:15|
Wenza eYerusalem omashini abenziwe ngobuqili beengcibi, bokuba phezu kweenqaba ezinde naphezu koqoqo, ukuba kutolwe ngeentolo, kusawulwe ngamatye amakhulu. Laduma igama lakhe, lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.
-
16
|2 Crónicas 26:16|
Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe, wangena etempileni kaYehova, ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso.
-
17
|2 Crónicas 26:17|
UAzariya umbingeleli wamlandela, enababingeleli bakaYehova abangamashumi asibhozo, amadoda anobukroti.
-
18
|2 Crónicas 26:18|
Bammela u-Uziya ukumkani, bathi kuye, Asikokwakho, Uziya, ukuqhumisela kuYehova; kokwababingeleli, oonyana baka-Aron abangcwaliselwa ukuqhumisela; phuma engcweleni, ngokuba wenza ubumenemene; akuluzuko oko kuwe phambi koYehova uThixo.
-
19
|2 Crónicas 26:19|
Wajala u-Uziya, ephethe ngesandla isiqhumiso sokuqhumisela. Uthe esabajalele ababingeleli, kwasuka kwaphuma iqhenqa ebunzini lakhe phambi kwababingeleli endlwini kaYehova, engasesibingelelweni sokuqhumisela.
-
20
|2 Crónicas 26:20|
UAzariya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bonke, babheka kuye, nanko eneqhenqa ebunzi, bamgxotha ngobungxamo khona, wangxama naye ukuphuma; ngokuba uYehova ubembethile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3