-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 15:11|
babingelela kuYehova ngaloo mhla, bethabatha kumaxhoba ababeze nawo: amakhulu asixhenxe eenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane.
-
12
|2 Crónicas 15:12|
Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,
-
13
|2 Crónicas 15:13|
Bonke abasukuba bengamquqeli uYehova, uThixo kaSirayeli, mababulawe, kuthabathele komncinane kuse komkhulu; kuthabathele kwindoda kuse kwinkazana.
-
14
|2 Crónicas 15:14|
Bafunga kuYehova ngezwi elikhulu, nangokuduma, nangamaxilongo, nangezigodlo.
-
15
|2 Crónicas 15:15|
Asivuyela onke amaYuda isifungo eso; ngokuba afunga ngentliziyo yawo yonke, amquqela ngemvume yawo yonke, amfumana; uYehova wawaphumza ngeenxa zonke.
-
16
|2 Crónicas 15:16|
Kananjalo ukumkani wamguzula uMahaka unina, ukuba angabi saba yinkosikazi; ngokokuba wayemenzele uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasixhaxha isithixo sakhe, wasithi vithivithi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
-
17
|2 Crónicas 15:17|
Ke iziganga azisuswanga kwaSirayeli; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe igqibelele yonke imihla yakhe.
-
18
|2 Crónicas 15:18|
Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezinto zakhe ezingcwele, endlwini kaThixo, isilivere, negolide, nempahla.
-
19
|2 Crónicas 15:19|
Akwaba sabakho mfazwe, kwada kwaba ngumnyaka wamashumi amathathu anesihlanu wobukumkani buka-Asa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3